1. Ngubani na lo uthi gqi kwaEdom?Ngubani na lo uthi nyalulu ngaseBhozera,lo uvathileyo, utsho ngezimfusa,lo unyalasa ngesidima nondiliseko?“Ndim kanye mna ndisindisa ngegunya;ndiyavakalisa ndibhengeza uloyiso.”
2. Kutheni zibomvu nje iimpahla zakho,le nto ngathi zezabaxovula iidiliya?
3. *UNdikhoyo ke yena uthi:“Izizwe mna ndizixovule njengeediliya,kungekho namnye weza kundincedisa;ndazixangxatha ngeenyawo ndinomsindo,latsaza igazi lazo, landitsho ndankone.
4. Umhla wokuziphindezela wandifikela,yaye ixesha lokukhulula abantu bam lithwasile.
5. Ndaba ngathalaza, akwabikho undisizayo;ndamangaliseka kwakungabikho uxhasayo.Ngoko ke ndazizuzela uloyiso ngokwam;ewe, ndaxhaswa yingqumbo yam.
6. Emsindweni ke mna ndazinyhasha izizwe;ewe, mna ndazitsho zagxadazela,igazi lazo ndaligalela emhlabeni.”
7. Ndiya kuthetha ngezibele *zikaNdikhoyo;ndiya kumncoma ndimbonge ngemisebenzi yakhe,ngenxa yeentsikelelo zakhe kuSirayeli,nangenxa yenceba amthululele yona –ezingako zona izibele zothando lwakhe.
8. Ewe, uNdikhoyo suka wathi:“Bona ngabantu bam ncakasana;lusapho lwam, soze bandiqhathe.”Ngoko ke suka yena wabahlangula.
9. Embandezelweni yabo akachasananga nabo,basindiswa bubukho besithunywa sakhe.Ngenxa yothando novelwano yena wabakhulula;ewe, yena wabaphakamisa wabalondoloza,wahamba nabo ngayo yonke loo mihla yamandulo.