Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 22:18-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. nina nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova? Kothi, nigwilike kuYehova nina namhla, ngomso abe noburhalarhume yena kwibandla lonke lakwaSirayeli.

19. Inene, ukuba nithi liyinqambi ilizwe lelifa lenu, welani nize ezweni lelifa likaYehova, apho umnquba kaYehova ukhona, nime phakathi kwethu. Ke musani ukugwilika kuYehova, musani ukugwilika kuthi ngokuzakhela isibingelelo esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu.

20. Akamenezanga yini na uAkan, unyana kaZera, ngobumenemene entweni esingelwe phantsi, kwaza kwabakho uburhalarhume phezu kwebandla lonke lamaSirayeli? Loo mntu mnye akatshabalalanga yedwa ngobugwenxa bakhe.

21. Baphendula oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, bathetha neentloko zamawaka akwaSirayeli, bathi,

22. UThixo, uThixo uYehova, uThixo, uThixo uYehova, uyazi, amaSirayeli ayakwazi, ukuba oko kwenziwe ngokugwilika na, nangokumeneza kuYehova.

23. Ùze ungàsisindisi namhlanje, ukuba sizakhéle isibingelelo sokusibuyisa ekulandeleni uYehova, nokuba sinyusa phezu kwaso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nokuba senzele phezu kwaso imibingelelo yoxolo: uYehova ngokwakhe makakubuze oko.

24. Inene, siyenze le nto ngesithukuthezi, ngethuba lokuthi, Ngexesha elizayo bothi oonyana benu koonyana bethu, Yintoni na enani noYehova, uThixo kaSirayeli?

25. UYehova umise umda oyiYordan phakathi kwethu nani, nyana bakaRubhen, nyana bakaGadi; aninasabelo kuYehova nina: oonyana benu bénze ukuba oonyana bethu bayeke ukumoyika uYehova.

26. Sithé ke, Makhe sizenzele, sizakhele isibingelelo, singesadini linyukayo, singesambingelelo;

27. sibe lingqina phakathi kwethu nani, naphakathi kwezizukulwana zethu emva kwethu, ukuba sisébenze umsebenzi kaYehova phambi kwakhe ngamadini ethu anyukayo, nangemibingelelo yethu, nangemibingelelo yethu yoxolo; ukuze bangàtsho oonyana benu ngexesha elizayo koonyana bethu, ukuthi, Aninasabelo kuYehova nina.

28. Sathi ke, Kothi, xa bathe batsho kuthi, nakwizizukulwana zethu ngexesha elizayo, sibe nako ukuthi, Khangelani imfano yesibingelelo sikaYehova abayenzáyo oobawo, ingeyadini linyukayo, ingeyambingelelo, ilingqina phakathi kwethu nani.

29. Makube lé kuthi ngenxa yakhe ukuba sigwilike kuYehova, sibuye namhla ekumlandeleni uYehova, silakhele isibingelelo idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nombingelelo, esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu, esiphambi komnquba wakhe.

30. Amazwi aba wathetháyo oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, noonyana bakaManase, waweva uPinehasi umbingeleli, nezikhulu zebandla, neentloko zamawaka akwaSirayeli ezazinaye, alunga emehlweni abo.

31. Wathi ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakoonyana bakaManase, Namhla siyazi ukuba uYehova uphakathi kwethu, ngokuba ningabenzanga obo bumenemene kuYehova. Ngale nto nibahlángule oonyana bakaSirayeli esandleni sikaYehova.

32. Wabuya ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, nezikhulu ezo, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, ezweni laseGiliyadi; beza ezweni lakwaKanan, koonyana bakaSirayeli, bebabuyisela ilizwi.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 22