Ilizwi elo lalunga emehlweni oonyana bakaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli bambonga uThixo, ababa sathetha ngokunyuka baye kubo ngobumpi, balitshabalalise ilizwe abahleli kulo oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi.