Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 30:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;

9. bakhònze uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo, endiya kubavelisela yena.

10. Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa usekude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.

11. Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingàthi umsulwa kwakanye.

12. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Ukwaphuka kwakho asikuko nokuba kuyabulala, libuhlungu inxeba lakho.

13. Akukho ugweba ityala lakho, upholisa inxeba; akunaye okubophayo.

14. Zonke izithandane zakho zikulibele, azikukhathalele; ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngentethiso enobujorha, ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, ngenxa yokuba zininzi izono zakho.

15. Ukhalelani na ngenxa yokwaphuka kwakho? Asikuko nokuba ùyabulala umvandedwa wakho! Ndizenzile ezo nto kuwe ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, nangenxa yokuba zininzi izono zakho.

16. Ngako oko bonke abakudlayo baya kudliwa, nababandezeli bakho bonke bephela baya kuthinjwa, nabadywidi bakho badywidwe, nabaphangi bakho bonke ndibanìkele ekuphangweni.

17. Ngokuba ndiya kukubopha, ndiyipholise imivumbo yakho, utsho uYehova; ngokokuba bathi ùnguGxothiwe, ùyiZiyon engakhathalelwe bani.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 30