Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 30:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingàthi umsulwa kwakanye.

12. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Ukwaphuka kwakho asikuko nokuba kuyabulala, libuhlungu inxeba lakho.

13. Akukho ugweba ityala lakho, upholisa inxeba; akunaye okubophayo.

14. Zonke izithandane zakho zikulibele, azikukhathalele; ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngentethiso enobujorha, ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, ngenxa yokuba zininzi izono zakho.

15. Ukhalelani na ngenxa yokwaphuka kwakho? Asikuko nokuba ùyabulala umvandedwa wakho! Ndizenzile ezo nto kuwe ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, nangenxa yokuba zininzi izono zakho.

16. Ngako oko bonke abakudlayo baya kudliwa, nababandezeli bakho bonke bephela baya kuthinjwa, nabadywidi bakho badywidwe, nabaphangi bakho bonke ndibanìkele ekuphangweni.

17. Ngokuba ndiya kukubopha, ndiyipholise imivumbo yakho, utsho uYehova; ngokokuba bathi ùnguGxothiwe, ùyiZiyon engakhathalelwe bani.

18. Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kweentente zikaYakobi, ndibe nemfesane ngenxa yeminquba yakhe; umzi wakhèlwe emmangweni wawo, luhlalwe uxande olude ngokwesiko lalo.

19. Wóphuma kuzo umbulelo nezwi labaqambayo; ndibandise, bangabi mbalwa; ndibazukise, banganciphi.

20. Oonyana babo boba njengokwamandulo, lizimaseke phambi kwam ibandla labo, ndibavelele bonke abaxini babo.

21. Ingangamsha yabo iya kuvela kubo, umlawuli wabo aphume kwaphakathi kwabo; ndimsondeze, afike kum, ngokuba ngubani na omele intliziyo yakhe, ukuba afike kum? utsho uYehova.

22. Niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 30