Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 6:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam;Mnye yena kunina,Umnyulwa walowo wamzaláyo.Zambona iintombi, zathi únoyolo,Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.

10. Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo,Mhle njengenyanga,Unyulu njengelanga,Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?

11. Bendihle ndaya emyezweni weminoti,*Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo,Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na,Imirharnate ityatyambile na.

12. Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibekeEzinqwelweni zabantu bam, zamanene.

13. Buya, buya, mShulamikazi;Buya, buya, sikubone.Nibona ntoni na kumShulamikazi,Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?

funda isahluko epheleleyo Ingoma Yazo Iingoma 6