Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 6:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegushaEzinyukayo, zivela ekuhlanjweni,Zonke zizele amawele,Kungekho ifelweyo kuzo.

7. Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho,Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.

8. Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibohzo amashweshwe,Neentombi ezingenakubalwa.

9. Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam;Mnye yena kunina,Umnyulwa walowo wamzaláyo.Zambona iintombi, zathi únoyolo,Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.

10. Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo,Mhle njengenyanga,Unyulu njengelanga,Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?

11. Bendihle ndaya emyezweni weminoti,*Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo,Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na,Imirharnate ityatyambile na.

12. Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibekeEzinqwelweni zabantu bam, zamanene.

13. Buya, buya, mShulamikazi;Buya, buya, sikubone.Nibona ntoni na kumShulamikazi,Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?

funda isahluko epheleleyo Ingoma Yazo Iingoma 6