Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 32:30-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Yo! Ebengayi kuthi na emnye kubo asukele iwaka,Bebabini bagxothe amawaka alishumi,Ukuba belingathengisanga ngabo iLiwa labo,Wabanikela uYehova?

31. Kuba alinjengeLiwa lethu iliwa lazo,Iintshaba zethu zingabagwebi boko.

32. Kuba umdiliya wabo ngowomdiliya waseSodom,Ngowamasimi aseGomora.Iidiliya zabo ziidiliya ezinobuhlungu,Izihloko zazo zinobukrakra.

33. Bubuhlungu benyushu iwayini yabo,Yinyongo enobujorha yamaphimpi.

34. Oku àkubekwe kum na,Kwavingcelwa koovimba bam?

35. Yeyam impindezelo nembuyekezoNgexesha lokutyibilika konyawo lwabo;Ngokuba usondele umhla wokusindeka kwabo,Kuyakhawuleza abakumiselweyo.

36. Ngokuba úya kugweba phakathi kwabantu bakhe uYehova,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe,Xa abonayo ukuba ethile amandla,Uphelile ovalelweyo novulelweyo.

37. Wóthi ke, Baphi na kaloku oothixo babo,Iliwa ababezimela ngalo:

38. Ababesidla amanqatha emibingelelo yabo,Ababesela iwayini yeminikelo yabo ethululwayo?Mabasuke banincede,Kubekho isithe phezu kwenu.

39. Bonani ngoku, ukuba mna ndinguye;Tu thixo unam.Ndiyabulala, ndidlise ubomi;Ndiyaphalusa, ndiphilise mna;Tu uhlangulayo esandleni sam.

40. Ngokuba ndisiphakamisela emazulwini isandla sam;Ndithi, Ndihleli nje mna ngonaphakade,

41. Ukuba ndithe ndalilola ikrele lam elingumbane,Sabambelela elugwebeni isandla sam,Ndoyibuyisela impindezelo kubabandezeli bam,Ndibuyekeze kubathiyi bam.

42. Ndozinxilisa iintolo zam ngegazi,Ikrele lam liyidle inyamaNgegazi labahlatyiweyo nabathinjiweyo,Ngentloko enesihlwitha yotshaba.

43. Memelelani, zintlanga, ngenxa yabantu bakhe,Ngokuba eliphindezelela igazi labakhonzi bakhe,Abuyisele impindezelo kubabandezeli bakhe,Awucamagushele ke umhlaba wakhe nabantu bakhe.

44. Weza ke uMoses, wawathetha onke amazwi ale ngoma ezindlebeni zabantu, yena noYoshuwa unyana kaNun.

45. Wagqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kumaSirayeli onke,

46. wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 32