Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 9:14-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. UYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wamceba ke uYoram. Ke kaloku uYoram ubeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena namaSirayeli onke, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram;

15. ke ukumkani, uYoram, ubebuyele eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuma-Aram, esilwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wathi uYehu, Ukuba kukuthanda kwenu, makungaphumi kusinde mntu kulo mzi, aye kuxela eYizereli.

16. Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ebelele khona. Ke uAhaziya ukumkani wamaYuda wehla, waya kumbona uYoram.

17. Ke kaloku umlindi, obemi phezu kwenqaba eYizereli, wabona impi kaYehu ekuzeni kwakhe, wathi, Ndibona impi. Wathi uYoram, Thabatha okhwele ihashe, umthume aye kubakhawulela, athi, Luxolo na?

18. Waya kumkhawulela loo mkhweli-hashe, wathi, Útsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Umthunywa uye wafika kubo, ke akabuyi.

19. Wathuma owesibini umkhweli-hashe, waya kubo, wathi, Útsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo?

20. Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Uye wafika kubo, ke akabuyi; ke ukuqhuba kunjengokuqhuba kukaYehu, unyana kaNimshi; ngokuba uqhuba ngobudlongodlongo.

21. Wathi uYoram, Bopha. Yabotshwa inqwelo yakhe yokulwa. Waphuma uYoram ukumkani wamaSirayeli, noAhaziya ukumkani wamaYuda, elowo esenqwelweni yakhe yokulwa. Baphuma baya kumkhawulela uYehu, bamfumana esiqwengeni somhlaba sikaNabhoti waseYizereli.

22. Kwathi uYoram, akumbona uYehu, wathi, Luxolo na, Yehu? Wathi yena, Luxolo lwani na, xa ukuhenyuza kukaIzebhele unyoko, nokukhafula kwakhe okuninzi, kusahleliyo nje?

23. UYoram wawajika amahashe ngezandla zakhe, wasaba. Wathi kuAhaziya, Licebo, Ahaziya.

24. UYehu waqubula isaphetha sakhe, watsho kuYoram phakathi kwamagxa, utolo lwaphumela ephaphini lakhe, wee buthuthu enqwelweni yakhe.

25. Wathi uYehu kuBhidekare, umphathi-mkhosi wakhe, Mthwale, umphose esiqwengeni somhlaba kaNabhoti wakwaYizereli; ngokuba, khumbula, oko sasikhwele thina sobabini, mna nawe, emva koAhabhi uyise, uYehova wahlaba eso sihlabo ngaye.

26. Inene amagazi kaNabhoti, namagazi oonyana bakhe, ndiwabonile izolo, utsho uYehova; ndiya kukuphindezelela kwesi siqwenga somhlaba, utsho uYehova. Ke ngoko mthwale, umphose esiqwengeni eso ngokwelizwi likaYehova.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 9