Waya kumkhawulela loo mkhweli-hashe, wathi, Útsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Umthunywa uye wafika kubo, ke akabuyi.