Wathi uYoram, Bopha. Yabotshwa inqwelo yakhe yokulwa. Waphuma uYoram ukumkani wamaSirayeli, noAhaziya ukumkani wamaYuda, elowo esenqwelweni yakhe yokulwa. Baphuma baya kumkhawulela uYehu, bamfumana esiqwengeni somhlaba sikaNabhoti waseYizereli.