Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzefaniya 1:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngaloo mini yedini likaNdikhoyondiya kuwohlwaya amatshawe,ndibabethe oonyana bokumkaninâbo bavatha impahla yasemzini.

9. Ngaloo mini ndiya kubohlwaya bonke abatsiba umgubasi womnyango,abazalisa indlu yothixo wabo ngogonyamelo kunye nenkohliso.

10. “Ngaloo mini,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo,“kovakala isikhalo ngakwiSango leeNtlanzi,ibe sisijwili ngakuMzi oMtsha,kuvakale isithonga ngasezindulini.

11. Yenzani isijwili, nina bahlala esigingqini.Bonke abarhwebi botshatyalaliswa,bavuthululwe abashishina ngesiliva.

12. Ngelo xesha ndophath' izibane ndiphicothe iJerusalem,ndibohlwaye abo bangakhathalele nto,abo bafana newayini enentlenge,abathi: ‘UNdikhoyo soze enze nto,nditsho nokuba intle okanye imbi.’

13. Ubutyebi babo buya kuxhatshazwa,izindlu zabo zona zibhodlozwe.Boba ngazakha ke izindlu,kodwa bangaze bahlale kuzo.Ewe, bozilima izidiliya,kodwa bangaze basele wayini yazo.”

14. Isondele imini enkulu *kaNdikhoyo;ewe, isondele, yaye iza ngokukhawuleza.Yivani! Isikhalo soba krakra ngemini kaNdikhoyo –nditsho imikhwazo yamagorha ngaloo mini.

15. Leyo yoba yimini yengqumbo,imini yokuxhwaleka nosizi,umhla wentshabalalo nembubho,umhla wobumnyama nesithokothoko,imini yamafu nomnyam' ombonde-mbonde,

16. umhla wesigodlo nentlaba-mkhosiebhekisa kwizixeko ezinqatyisiweyonakwezo nqaba ziphakamileyo.

funda isahluko epheleleyo Uzefaniya 1