Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 8:20-35 Ibhayibhile (XHO96)

20. Athe akubheka amadoda aseAyi abona kufunquza intshinyela yomsi ngasesibhakabhakeni. Akazange abe nakubalekela ndawo, kuba amaSirayeli awayezenza ngathi ayabaleka ajika angena kuwo.

21. Kaloku wathi uYoshuwa neqela lakhe bakuqonda ukuba isixeko sithinjiwe liqela elalizimele, yaye sasisele silidangatye ngumlilo, bajika bawahlasela amadoda aseAyi.

22. AmaSirayeli awayethimbe isixeko afika aza kunceda edabini. Aba ke amadoda aseAyi angqingwe macal' onke ngamaSirayeli, abulawa onke. Akubangakho mntu usindayo, kungazange kuphuncule bani,

23. ngaphandle kokumkani waseAyi yedwa. Kanti ke naye wabanjwa wasiwa kuYoshuwa.

24. AmaSirayeli, akuba ewabulele onke loo madoda ayeleqwe ngawo emasimini nasentlango, abuyela kwaseAyi, afika abulala yonke into engumntu apho.

25. Ngaloo mini kwabulawa yonke into engumntu eAyi, kwafa ishumi elinambini lamawaka lamadoda nabafazi.

26. UYoshuwa wayesoloko umkhonto wakhe ewukhombe eAyi, akasithoba kwada kwaba kufe umntu wonke apho.

27. AmaSirayeli azithathela imfuyo kwanamanye amaxhoba njengoko uNdikhoyo wawayalelayo ngomlomo kaYoshuwa.

28. UYoshuwa wayintumeka umlilo iAyi, yasala ingamabhodlo. Iseyiloo nto unanamhla oku.

29. Ukumkani waseAyi yena waxhonywa emthini, wayekwa apho kwada kwarhatyela. Kwathi ngorhatya wathi uYoshuwa isidumbu sikakumkani masithulwe siye kulahlwa emasangweni esixeko. Kwafunjwa phezu kwaso ingqumba yamatye asekho apho unanamhla.

30. Emva koko ke uYoshuwa wenzela *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, iqonga lamadini phezu kwentaba iEbhali,

31. elenze njengoko uMosis, isicaka sikaNdikhoyo, wayeyalele. Walenza ngamatye angaqingqwanga, ngokomyalelo osencwadini yomthetho kaMosis. Kwelo qonga kwakusenziwa amadini atshiswayo kunye nawobudlelane.

32. UYoshuwa wawakhuphela umthetho kaMosis, ewukrola ematyeni, amaSirayeli ejongile.

33. AmaSirayeli onke, amadoda amakhulu, amagosa, nabalamli, kwakunye nabangeneleli, bema bephahle ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bejongene nababingeleli bomlibo ka-Aron ababeyithwele. Elinye iqela lalimi ngakwintaba iGerezim, elinye limi ngakwintaba iEbhali. Kaloku uMosis, isicaka sikaNdikhoyo, wayethe maze benjenje lakufika ithuba lokubhengeza amathamsanqa uNdikhoyo awanika abantu bakhe amaSirayeli.

34. Kwesi sithuba ke uYoshuwa wabafundela umthetho uphela, nditsho iintsikelelo neziqalekiso njengoko zibhaliwe encwadini yomthetho.

35. UYoshuwa ke wayifundela elo bandla liphela imiyalelo kaMosis, engashiyanga nesuntswana eli. Ayekho namakhosikazi, nabantwana, kwakunye nabangeneleli abemi phakathi kwamaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 8