kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 16 Ibhayibhile (XHO96)

Ummandla owabelwa uEfrayim kunye noManase

1. Umda ongezantsi womhlaba owabelwa inzala kaJosefu wawuqala eJordan kufuphi neJeriko, kwindawo eyayikwicala langasempumalanga yemithombo yaseJeriko, wenjenjeya ubhekisa ngasentlango. Wasuka eJeriko walityhutyha eleentaba ukusa eBhetele.

2. Ukusuka eBhetele (ekwakuthiwa yiLuzi) wadlulela eAtaroti, apho ayemi khona ama-Arki.

3. Wehla wajonga ngasentshona kummandla wamaYafeleti, waya kuma kummandla waseBhete-horon engasezantsi. Wedlula apho ujonge eGezere, waya kuma ngolwandle.

4. Lo mhlaba waba lilifa lenzala kaJosefu, izizwe zakwaEfrayim noManase.

UEfrayim

5. Nanku ummandla wezindlu zakwaEfrayim: Umda wabo wawusuka eAtaroti-adare ubheke ngasempumalanga eBhete-horon ekumantla,

6. usuke apho uye kutsho elwandle. Ngasemantla apho yayiyiMikemetati, kuthi ngasempumalanga yalapho ujike umda ujonge iTanati-shilo, udlule apho kwangasempuma yalapho, ujonge eYanowa.

7. Ukusuka apho uyehla ubheke eAtaroti naseNara, ugqithe eJeriko, uye kuma ngeJordan.

8. Apho umda wawucanda ngasentshonalanga ukusuka ngaseTapuwa, ubheke kwintlambo iKana, uye kuma ngolwandle. Nguwo ke lowo umhlaba owaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaEfrayim.

9. Iidolophu neelali ezazikwimida yakwaManase zanikwa uEfrayim.

10. Abazange bawagxothe amaKanana awayemi eGezere. Ahlala ke namaEfrayim kwada kwakaloku amaKanana, kodwa ênza umsebenzi ngokunyanzelwa.