kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 20 Ibhayibhile (XHO96)

Izixeko zokuphephela

1. *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa:

2. “Thetha namaSirayeli, uthi ndithi makalathe izixeko zokuphephela endandixelele uMosis ngazo.

3. Zoba ziindawo ekubalekela kuzo abantu abathe babulala omnye ngengozi okanye ngempazamo. Yoba ziindawo zokuzimela kwimpindezelo yezizalwana zaloo mntu ubuleweyo.

4. Umntu oye kuzimela kwezo zixeko kufuneka anike inkcazelo ngesenzo sakhe enkundleni kumadoda amakhulu esangweni leso sixeko. Ngawo aya kumamkela amnike indawo yokuhlala phakathi kwawo.

5. Xa umphindezeli athe walandela ekhondweni lalowo ubalekele apho, wona akasayi kumnikezela kuye – kaloku wambulala ngengozi umfi, bengazange baxabana ngaphambili.

6. Umbulali angahlala apho kweso sixeko de kufike umhla wokuvavanywa kwetyala ngumzi. Akuba eswelekile umbingeleli omkhulu angabuyela ke kwisixeko sakowabo awayebaleke kuso.”

7. Kwatyunjwa iKedeshe eGalili kweleentaba lakwaNafetali, neShekem kweleentaba lakwaEfrayim, kunye neKiriyati-arba (yiHebron ke leyo) kweleentaba lakwaJuda.

8. Kumphesheya-Jordan ongasempuma yeJeriko kwatyunjwa ezi zixeko: kwisizwe sakwaRubhen yaba yiBhezere ekumathafa asentlango, kwisizwe sakwaGadi yaba yiRamoti eseGiliyadi, yaza kwaManase yaba yiGolan eBhashan.

9. Zizo ke ezo izixeko ekwakunokuphephela kuzo nawuphi na umSirayeli okanye umngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli. Injongo yazo yayikukuzimelisa umntu obulele omnye ngengozi, ukwenzela ukuba ze kungabikho mntu ubulawayo sisizalwana somfi engekemi enkundleni yamatyala ngaphambi kwebandla.