kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 25 Ibhayibhile (XHO96)

UBhildadi: Umntu akangebi msulwa enkundleni kaThixo

1. Kwesi sithuba ke kuphendule uBhildadi umfo waseShuwa, wathi:

2. “Kaloku uThixo nguSomagunya, nguDuma-barhwaqele;yaye ke ulugcinile ucwangco kweliphezulu.

3. Ngaba ukhona na ongazibalayo izinxiba-mxhaka zakhe?Khona ngaba kuphi apho lungabonakaliyo ukhanyiso lwakhe?

4. Ngaba kungenzeka ukuba umntu afumaniseke emsulwa enkundleni kaThixo?Uthi ingenzeka into yokuba umntu ozelwe ngumfazi angabi nabala?

5. Kaloku nenyanga ngokwayo ayiqaqambanga kangako phambi kwakhe;kanti neenkwenkwezi ezi azingcwenganga kangako kuye.

6. Kuxa engubani ke yena umntu, eyimpethu nje?Uthi unaxabiso lini unyana womntu kuThixo, engumbungu nje?”