kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 17 Ibhayibhile (XHO96)

UYobi: Akukho themba kwelabafileyo

1. “Umoya wam wonakele, nemihla yam iphelile;ngoku sending'ong'ozelwe lingcwaba.

2. Inene, ngapha nangapha ndiphahlwe ngabandigculelayo;ewe, ndijongene nentiyo yabo.

3. “Nceda, Thixo, undibekele isibambiso.Kakade ke ibingubani omnye ongandikhuselayo?

4. Kaloku iingqiqo zabo uzithe lwale ngokungaqondi;ngoko ke mabangandoyisi.

5. Kaloku umntu ongcothoza izihlobo zakhe ngenxa yenzuzo,abantwana bakhe baya kufa amehlo.

6. “Undenze ndaba ngundaba-mlonyeni kubantu bonke,into etshicelwa ebusweni.

7. Ngenxa yeenzingo amehlo am selede anorhatyazo;sendide ndayingcadalala ephephukayo.

8. Abo banyanisekileyo ke bamangalisiwe;ewe, abamsulwa bayakhathazeka ngenxa yabachasene noThixo.

9. Olilungisa ubambelele nkqi endleleni yakhe,ngokunjalo ke nabo bazandla zimsulwa baya besomelela ngokomelela.

10. “Kambe ke, noba niyaphinda nibuye xa ninonke,andiyi kufumana nasinye isilumko apho phakathi kwenu.

11. Imihla yam iphelile, namacebo am achithakele,ngokunjalo neminqweno yam ivuthulukile.

12. Ubusuku bathi yimini;kanti xa kuhlwayo bathi sekuza kusa.

13. Uthi ke, xa ndingasuka ndithi elabafileyo likhaya lam,ndize ndizandlalele kwamnyama-ndawo,

14. okanye ke, xa ndinokuthi ingcwaba ngubawo,ndize ndithi iimpethu ngumama nodade wethu:

15. liphi ke ithemba lam,ingubani khona onokundibonelela?

16. Ngaba bendinokuhla nalo na ndiye emasangweni elabafileyo?Bendinokuhla nalo na, ndiye kuphumla nalo eluthulini?”