Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujoweli 1:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafika kuJoweli unyana kaPetuweli.

2. Hoyina, zingwevu zakowethu!Yivani, nonke bemi beli lizwe!Nikhonje nakha nayibona into enje?Khona kwimihla yamanyange yakhe yakho phi?

3. Ke, yixeleni kubantwana benu;nabo ze bayixelele abantwana babo,ukuze nabo bayixelele isizukulwana esizayo.

4. Oko kushiywe ngumqikela kudliwe yinkumbi;okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi;ukanti okushiywe ngumkhothululi kudliwe ngumnqunquthi!

5. Vukani, nitshw' esofelweyo, manxila;lilani nonke nigixe, baseli bewayini.Ewe, bhombolozani ngenxa yewayini entsha –kaloku sobe nibe saphinda niyirhabule.

6. Kaloku eli lizwe lihlaselwe ngumkhosi;ewe, ziingwanyalala eziyinyambalala.Ngenene zizinto ezimazinyo angxavula okwengonyama.Ngonyamakazi yakwabani emabamba anje?

7. Isidiliya sam usibhuqe bhuqiyane,imithi yam yomkhiwane wayitshabalalisa.Ewe, uyixoze wada wayixobula,wageqa noomaxolo ejuba phaya.Ewe, iziphunzi zasala zimhlophe wee.

8. Ngoko ke hlahlambani nixel' umfazana ozilayoeswelekelwe ngumyeni wakhe.

9. Okokwayo iminikelo yeenkozo,ngokunjalo neminikelo yewayini,inqamkile endlwini *kaNdikhoyo.Ngoko ke ababingeleli bayagixa;nditsho abo bangabalungiseleli bakaNdikhoyo.

10. Kaloku nanko amasimi eze,nomhlaba ngokwawo uyabhomboloza.Kaloku ingqolowa itshabalele,newayini yembala inqamkile.Asisathethi ke ngamafutha omnquma.

funda isahluko epheleleyo Ujoweli 1