Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 57:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Amalungisa ayafa,kungabikho mntu ukhathalayo;abantu benene bayahamba,kungabikho bani uqondayo –bona bayafa ngenxa yobubi.

2. Kambe ke bangena eluxolweni;ukufa kubaphathela ukuphumlaabo bahamba ngendlela ethe ngqo.

3. “Yizan' apha ke, nina nzala yezanusekazi,sizukulwanandini sabakrexezi namahenyukazi!

4. Ngubani lo nidlala ngaye?Ngubani lo niphoxisa ngaye,lo nimlencezela ulwimi?Nzalandini yezibhoxi!Sizukulwanandini sabakhohlisi!

5. Zintondini zitshiseka emiokini,ze zilalane phantsi kwemithi efukufuku,nixhela abantwana ezingxingweni,emiqolombeni phantsi kwezawana.

6. Ilifa lenu ngamatye agudileyo ezingxingweni;isabelo senu zezo *zithixo.Zona nide nizithululele utywala,niziphe nomnikelo weenkozo.Nithi mandivelane nani kule mikhuba?

7. Amadini niwenzela ezintabeni eziphakamileyo,kanti kwalapho ninawo nomandlalo.

8. Emigubasini nasemva kocangokulapho nizizoba khona izithixo.Ngokundibaleka niwuhlubile umandlalo wenu,suka nawuvula nangena nezithandwa zenu,ezo nilala nazo ngokuzihlawula,khon' ukuze nizanelise ngazo.

9. Nto niyaziyo kukuziqaba nokuziqhola,nenjenjeya ukunqula uMoleki.Izithixo nide nizizingele,izigidimi zenu zixananaze,nithumele nakwelo labafileyo.

10. Nibhadula nide nidinwe, nifuna izithixo,kodwa anivumi ukuba yinkcitha-xesha.Anizilibali nisomelezwa zizithixo;yiyo le nto ngathianidinwa.”

11. *UNdikhoyo uyabuza, uthi:“Ngoobani ezi zithixo nizoyika kangaka?Ngenxa yazo nide anathembeka,mna anabi sandikhumbula mpela.Ngaba ndithule ndada ndagqithisale nto ningasandazele nto ngoku?

12. Ndosuka ndibudandalazise ubulungisa benu benkohliso,ngokunjalo nezenzo zenu;nolu nqulo lwenu luya kulambatha.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 57