Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 51:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Bonyamalala ngathi yingubo edliwe ngamanundu,ngathi buboya begusha obudliwe ngumbungu.Ubulungisa bam bona boma bumi;usindiso lwam lukwizizukulwana ngezizukulwana.”

9. Hoyina, Ndikhoyo! Sihlangule!Xhoba ngamandla akho usihlangule;makube njengemihla yamandulo.Kaloku nguwe owahlanganisela inabulele;nguwe owamqwenga-qwengayo uRahabhi.

10. Nguwe owalomisayo nolwandle;nguwe owavula indlela enzonzobileni,baza badlula abakhululwa bakho.

11. Abo bahlawulelweyo nguNdikhoyobaya kungena eJerusalem bechulumacha,bengqungqa bememelela ngemihlali,bathiwe jize ngovuyo ngonaphakade,bonwabe babe nemincili,bangaze babuye bazane neenzingo neenkxwaleko.

12. UNdikhoyo utsho ukuthi:“Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;ngani ke ukuba woyike umntu –into evuthuluka njengengca?

13. Kanti umlibele na uNdikhoyo uMenzi wakho,yena wawatwabululayo amazulu,yena walisekayo ihlabathi?Ngani ukuba uhlale ngedyudyu,usoyika ingqumbo yomcinezeli?Lowo uzungula ukukutshabalalisasoze abe nako ukukuchukumisa.

14. Abo babanjiweyo sebeza kukhululwa;abayi kufa, koko bodla ubomi obude,bangalambi, koko baxhamle intlutha.

15. Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho;mna ndiyalushukumisa nolwandle,amaza alo atsho agragrame.Igama lam nguNdikhoyo uSomandla-onke.

16. Mna ndawatwabulula amazulu,ndazaneka iziseko zehlabathi.KwiZiyon ke ndithi:‘Ke wena ungowam;imfundiso yam ndikunikile,futhi ke ndiyakukhusela.’ ”

17. Vuka! Vuka, Jerusalem!Phaphama ude uphakame!Kaloku usizekile isohlwayo akuphathele sona *uNdikhoyo;usiqongqoloze sada sakunxilisa.

18. Ngoku ke akakho okukhokelayo –namnye kubantu bakho –engekho nakoonyana obazeleyo;tu umntu wokukurhuqa.

19. Kuwe ilishwa lishwabene ngokuphindiweyo:umhlaba wakho uvukuzeliswe yimfazwe;abantu bakho bamemethwa yindlala.Ngubani ke onokukuthuthuzela?

20. Oonyana bakho zizigede eziyobayo;bathe tywaa ezitalatweni phaya.Sebefana nenxala emgibeni.Batyakatywa yingqumbo kaNdikhoyo;umsindo woThixo wakho uphezu kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 51