Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 43:3-21 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho,uYedwa kaSirayeli, uMhlanguli wakho.Ndinikezela ngeJiputa ukukuhlawulela;iKushe neSebha zothath' indawo yakho.

4. Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!Ndincam' izizwe ngenxa yakho;ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.

5. Uze ungaxhali, ndinawe mna;inzala yakho ndoyiqokelela empumalanga,nina ndiniphuthume nasentshonalanga.

6. Kwelasentla ndothi: ‘Bakhulule bagoduke,’kwelasezantsi ndithi: ‘Ungabathinteli.’Oonyana bam babuyise kwelikude,neentombi zam eziphelweni zehlabathi,

7. nditsho wonke umntu obizwa ngegama lam,wonke endamdalela udumo lwam,wonke endambumbayo ndamenza.”

8. Yiza nâbo bantu bangaboniyo benamehlo,uze nâbo bangaphulaphuliyo beneendlebe.

9. Zibizeni zonke izizwe;mazihlanganisane iintlanga.*Koothixo bazo nguwuphi owayixelayo le nto yenzekayo namhlanje,wasazisa nangezinto ezenzeke mandulo?Ewe, mazize nawazo amangqina,khon' ukuze abevayo bathi: “Axel' inyaniso.”

10. “Ke nina ningamangqina am,” utsho uNdikhoyo,“izicaka zam endazinyulayo,ukuze nindazi nikholose ngam,niqonde ukuba ndinguye endinguye.Ngaphambi kwam akukhange kubekho thixo;ewe, yaye engasoze abekho.

11. Mna ndim uNdikhoyo,ndim ndedwa ohlangulayo.

12. Mna andingothixo wasemzini kuni.Kaloku ndaxela, ndahlangula, ndavakalisa.Nina ngokwenu ningamangqina am ukuba ndinguThixo,”utsho uNdikhoyo.

13. “Ewe, bendingokhoyo kwamandulo;akukho kuphuncuka esandleni sam;endikwenzayo akujikwa mntu.”

14. *UNdikhoyo uMkhululi wenu,yena uYedwa kaSirayeli, uthi:“Ngenxa yenu ndothumela eBhabheli,atsho amaKaledi asabe ngezo nqanawa zawo zeqhayiya.

15. Mna ndinguNdikhoyo, uYedwa wenu,uMdali noKumkani wakho, Sirayeli.”

16. Utsho uNdikhoyo,umavul' indlela enqumla elwandle,nditsho indlela ecanda kumsinga olephuzayo;

17. umkhosi wamagorha wawurholela enzonzobileni,uwonke nje iinqwelo namahashe;wafadalala, soze uphinde uthini,wafuthaniselwa mpela njengekhandlela:

18. “Kambe ke sanukubambelela kwisiganeko sezolo;hayi bo, sanukunokoza ezamandulo.

19. Khangelani ke, ngoku ndenza entsha;ewe, seyisenzeka, nani niyayibona.Ndiza kuvul' indlela enkangala,kutsho kuqukuqele imilambo entlango.

20. Neenyamakazi ngokwazo zondihlonela,oodyakalashe neenciniba zindincome,xa sendimpompozis' amanz' entlango,kubalek' imilambo enkangala,khon' ukuze lusel' usapho lwam,nditsho usapho olukhethiweyo,

21. bantu abo ke ndazidalelayo,khon' ukuze bandidumise.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 43