Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 10:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yeha ke, nina niqulunqa imithetho yobutshijolo,nina baqingqa imithetho yokucinezela abantu,

2. ukuze amahlwempu angafumani malungelo,nokuze abacinezelwa bona bangalungiselelwa.Nisuka nibaxhaphaze abahlolokazi,iinkedama zona zibe ngamaxhoba enu.

3. Yaz'ba nothini na mhla yajika imeko,mhla kwathi gqi isithwakumbe kwelikude!Ngaba ke nobalekela kubani, bethu?Ubutyebi bona ke nobufihla phi?

4. Ewe, koba kungasekho ndlela-mbiningaphandle kokuzinyakathisa phakathi kwabathinjwa,okanye nirhuqwe ndawonye nabaginwa.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

5. *UNdikhoyo uthe:“Hayi ke, yena uAsiriya!Uyinduku endohlwaya ngayo.

6. Ndibathumela ngaye abangakhathalele Thixo;ndibabetha ngaye abandicaphukisayo,ukuze abathimbe, axhaphaze amaxhoba,abaxovule njengodaka endleleni.

7. Kambe ke yena uAsiriya akakhw' apho;kuthe kanti yena unanjongo yimbi.Suka yena wazimisela ukutshabalalisa;izizwe yena ufun' ukuzicim' igama.

8. Kaloku uAsiriya uyaqhayisa, uthi:‘Iingqwayi-ngqwayi zam zikwangookumkani!

9. OoKaleno nooKarkemishe bona ndabageqa;iiHamati neeArpadi ndazisukelisa;kooSamariya nooDamasko ndathi ginyi-qobo!

10. Izikumkani ezinqula imifanekiso ndazoyisa –mifanekiso leyo yayiyinyambalala,ingaphezu kweyeJerusalem neSamariya.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 10