Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 1:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. KwelakwaJuda ngemihla yookumkani u-Uziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, uIsaya unyana ka-Amozi wafumana isityhilelo esivela kuThixo, waza wadanduluka wathetha ngokubhekiselele kwisizwe sakwaJuda neJerusalem, wenjenje:

2. Hoyi-i-i-na! Hoyina, mazulu!Bek' iindlebe, nawe hlabathi!Kaloku *uNdikhoyo uthethe wathi:“Ndakhulis' abantwana ndabondla,kodwa ke ngoku bajike bandivukela.

3. Kambe ke yona inkomo iyamaz' umniniyo,ngokunjalo nedonki iyasazi isibaya sayo.Ukanti ke yena uSirayeli uvalekile;ewe, abantu bam abazi nto tu!”

4. Yeha ke, sizwe samanyundululu,abantu abasuntsubala bubugwenxa,nzalandini yamatshijolo,sizukulwanandini sonakalisayo!Kaloku nikreqile nina kuNdikhoyo,nisuke namdelela uYedwa kaSirayeli;ewe ngenene, nihlehlile namfulathela.

5. Anikaneli kwesingaka sona isohlwayo?Niya kurhoxa nini kolu vukelo?Mhawoo! Intloko seyide yaboko-boko;xa uwonke nomzimba uvikivekile.

6. Phantsi elunyaweni kuye entloko phezulu,hayi konke, kulityufu-tyufu nje!Kuziingongoma, kuziinduma;azicudiswanga, zingakhanyelwanga nangachiza;ewe, khange zikhathalelwe zibotshwe!

7. Nâlo ilizwe lakowenu liyinkangala;okwakuzizixeko kutshe kwaluthuthu.Yonke ke loo nto nikho nibukele.Iintlanga ziwuphangile umhlaba wooyihlo;ewe, ziwubhukuqe zawuvuthulula.

8. Ke yona iJerusalem isele yodwa jwi!Seyifana nephempe esidiliyeni;seyingathi linqugwala emasimini,nqwa nesixeko esingqingiweyo.

9. Kambe ke uNdikhoyo uSomandla-onke,ukuba ebengasishiyelanga qaqobana,besiya kusuka sifane neSodom;ewe, ngesitshabalele njengeGomora.

10. Nalu udaba lukaNdikhoyo!Luveni, ziphathamandla zaseSodom;yiphulaphuleni imfundiso kaThixo,nani zima-mhlaba zaseGomora.

11. Kaloku uNdikhoyo uyakhala ngawe, Sirayeli; uthi:“Ngawani ke ngoko la madini angakanana?Mna ndidikiwe ziinkunzi zeegusha ezitshiswayo.Ndanele nangamanqatha enyama etyebileyo.Andisalifuni igazi leenkunzi zeenkomo,nditsho nelamaxhwane eegusha neebhokhwe.

12. Nide nize kum nje, nibizwe ngubani?Nisafuna ntoni apha kum?Hayi bo! Phezani ukuyixovula le nkundla!

funda isahluko epheleleyo Uisaya 1