Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 19:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Xa umgama ekufuneka uhanjwe ngulowo ubalekayo umde, isizalwane esingumphindezeli soba nako ukumfumana lo ubuleleyo engekafiki, simbulale nakuba engenatyala yena ngokwakhe. Andithi na kaloku umbulele ngengozi lo mntu engelotshaba lwakhe!

7. Kungenxa yeso sizathu ke le nto ndikuyalela ukuba umise iidolophu zibe ntathu.

8. “Xa uNdikhoyo uThixo wakho ethe walandisa elo lizwe lakho, wakongezela wonke umhlaba awuthembise ookhokho bakho efunga,

9. kofuneka uphinde ukhethe nezinye iidolophu zibe ntathu. Uzukwenze ke konke endikuyaleleyo namhlanje, ubonakalise ukumthanda uNdikhoyo uThixo wakho, uhlale uziphatha ngokweemfundiso zakhe.

10. Ezi dolophu ziyimfuneko, khon' ukuze abantu abamsulwa bangabi loxhoba lokubulawa kwelo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho.

11. “Kambe ke xa umntu elalele umwabo amthiyileyo wamgebenga engacingele nto, waza wabalekela kwenye yezi dolophu,

12. amadoda amakhulu aloo dolophu yakhe makamlande, amnikezele kwisizalwane sikamfi esingumphindezeli, size sisibulale isigebenga eso.

13. Umntu onjalo sukuba natarhu mpela kuye. Ubugebenga mabutshayelwe buphele tu kwaSirayeli, khon' ukuze nihlale ngoxolo.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 19