Xa umgama ekufuneka uhanjwe ngulowo ubalekayo umde, isizalwane esingumphindezeli soba nako ukumfumana lo ubuleleyo engekafiki, simbulale nakuba engenatyala yena ngokwakhe. Andithi na kaloku umbulele ngengozi lo mntu engelotshaba lwakhe!