Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 7:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Umthengisi akayi kuwubuyiselwa umhlaba wakhenokuba usaphila nomthengi,kuba awuzukujikwa umbono oxela intshabalalo yesihlwele.Akukho namnye oya kuba nako ukusindisa ubomi bakhe,kuba kaloku akukho namnye ungonanga.

14. Bangade balivuthele ixilongo,baxhobe bafe amacala,kodwa akukho namnye oya kulilwa idabi,kuba ingqumbo yam iphezu kwesihlwele siphela.

15. “Likrele kongaphandle;kongaphakathi ngubhubhani nendlala.Abasemaphandleni baya kubulawa ngekrele;abasesixekweni baya kubhuqwa yindlala nangubhubhani.

16. Bonke abasindileyo basababaya kubalekela ezintabeni,bekhala njengamahobe asezintlanjeni,bekhala ngenxa yezono zabo.

17. Ziya kuwa zonke izandla,amadolo abe nengevane.

18. Baya kunxiba amarhonya,bagubhe kukoyika.Baya kuba manyonywana,bazixhwithe iinwele zabo.

19. Baya kuyilahla ezitalatweni isiliva yabo,igolide ifane nento emdaka.Abayi kusindiswa yigolide nesiliva yabongomhla wengqumbo kaNdikhoyo.Abayi kuyidla xa belambile;kaloku yiyo ebakhubekisileyo.

20. Bebeqhayisa ngezihombo zabo ezimbeje-mbeje,bezisebenzisa ekwenzeni *izithixo zabo ezinezothe *nemifanekiso engamasikizi.Ngako oko ndiya kuziguqulazibe njengento emdaka kubo.

21. Ndiya kuzinika abasemzini,zibe lixhoba labo;ewe, zibe lixhoba lezikhohlakali zomhlaba,zona ziya kuzixabhela.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 7