Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 2:11-20 Ibhayibhile (XHO96)

11. Amatye odonga osuka abhomboloze,imiqadi yophahla ithelele.

12. “Mawoo kowakha isixeko ngokuphalaza igazi,kulowo useka iidolophu ngobugwenxa!

13. Akatshongo na uNdikhoyo uSomandlaukuthi imigudu yeentlanga lilifa lomlilo?Nezizwe ke zifumana zibulaleka.

14. Ke wona umhlaba uya kuphuphuma kukubuqonda ubungangamsha bukaNdikhoyo,okwamanzi agubungele ulwandle.

15. “Mawoo ububi bomntu oseza ummelwane wakhe,lowo umkhelela utywala kumphanda wakhe,amseze ade ayayatheke kukunxila,aze ke abukele ihlazo lobuze bakhe.

16. Uya kugutyungelwa lihlazo, ingebubo ubungangamsha.Nawe sela unxile ugxadazele.Iyahamba ibhekile yomgwebo kaNdikhoyo;yofika nakuwe,ubungangamsha bakho bugutyungelwe lihlazo.

17. Ugonyamelo olwenze eLebhanon lokufikela;uya kunkwantya yimbubho oyenzele izilwanyana.Kaloku uliphalazile igazi labantu;ewe, uyitshabalalisile imihlaba,wabhuq' iidolophu nabemi bazo.

18. “Unaxabiso lini umfanekiso,into eqingqwe yingcibi?Sinceda ntoni isithixo esifundisa inkohliso?Umenzi waso uqamela ngobuchule,aze enze into engathethiyo.

19. Mawoo kothi emthini: ‘Vuka!’othetha nelitye elifileyo, athi: ‘Phakama!’Ungakufundisa ntoni umfanekiso,into etyatyekwa ngegolide nesiliva?Hayi, ayinamphefumlo tu!

20. Ke yena uNdikhoyo usendlwini yakhe engcwele;malithi cwaka phambi kwakhe lonke ihlabathi.”

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 2