Testamente Endala

Testamente Entsha

Izililo 1:10-15 Ibhayibhile (XHO96)

10. Iintshaba zayo zibuphangile boke ubuncwane bayo;zangena ijongile iintlanga kweyona ndawo ingcwele –abantu ongabavumelanga, Ndikhoyo, ukuba bangene ebandleni lakho.

11. Abantu bayo bonke batsho ngencwinaxeshikweni behamba befuna ukutya;bancama nempahla yabo yexabiso,befuna ukudla khon' ukuze bahlaziyeke.Ithi: “Awu, Ndikhoyo, khangela ubone,kuba ndingodeliweyo.”

12. Asilutho na kuni, nonke nina nidlula ngendlela?Khangelani nibone:ikho na intlungu enjengeyam andihlabanisele ngayo uNdikhoyo,intlungu andihlisele yona ngemini yokuvutha komsindo wakhe?

13. Wathoba umlilo ophuma phezulu,watsho waya kufikelela ezantsi emathanjeni.Uzithiyele ngomgibe iinyawo zam,ndatsho ndabuya umva.Wandenza ndanesizungu,ndatyhafa imini yonke.

14. Izikreqo zam zibhijelene;ziyidyokhwe isandla sikaNdikhoyo esindibophe ngayo,zihleli zinzi entanyeni yam.INkosi iwaqobile amandla am;indinikezele esandleni sâbo ndingenakumelana nabo.

15. INkosi izibukule zonke izithwala-ndwe zam;ihlanganise umkhosi ukuze ucumze umlisela wakowethu.INkosi iyinyhashe esixovululweni intombi enguJuda.

funda isahluko epheleleyo Izililo 1