Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 14:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ke ngonyaka wesibini wolawulo lukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli, waqalisa ukulawula kwaJuda uAmaziya unyana kaYowashe.

2. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem.

3. Ke yena wenza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo, kodwa akafika kwinqanaba likaDavide uyise. Kuko konke walandela ikhondo likayise uYehowashe.

4. Iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili, banikela amadini, besenza neziqhumiso khona.

5. Wathi wakuba umilile umbuso wakhe wawabulala loo maphakathi ayebulele uyise.

6. Kambe ke akababulalanga oonyana bababulali abo, ngokwelizwi elibhaliweyo encwadini yomthetho kaMosis, apho uNdikhoyo athi: “Abazali abayi kubulawa ngenxa yabantwana, nabantwana abayi kubulawa ngenxa yabazali; umntu ngamnye uya kufela esakhe isono.”

7. Nguye owoyisa ishumi lamawaka amaEdom kwiNtili yeTyuwa, wathimba iSela awayibiza ngokuthi yiYoketele, gama elo lisasetyenziswayo unanamhla.

8. UAmaziya ukumkani wakwaJuda wathumela izigidimi kuYehowashe unyana kaYowahazi kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, ecel' umngeni, esithi: “Yiza sihlangane!”

9. Kambe ke ukumkani uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmaziya ukumkani wakwaJuda, wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon, usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam.’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva.

10. Ewe, uwoyisile amaEdom; ngoku unekratshi. Zingce ngoloyiso olo, kodwa uhlale ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?”

11. Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule; ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli uYehowashe wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.

12. UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo.

13. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. UYehowashe waya eJerusalem, waza waludiliza udonga lwayo ukusukela kwiSango lakwaEfrayim, ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 14