24. Ngoko ke niya kufana nomququ,wona ulencwayo lidangatye;nani niya kuba njengengca,yona ishwatyaniswayo ngumlilo.Niya kusuka nibole iingcambu;intyatyambo yenu iya kuvuthuluka.Kaloku niyimangele ingqeqesho kaNdikhoyo onamandla onke,nalitshica ilizwi likaYedwa kaSirayeli.
25. Ewe, uNdikhoyo uyalwa nabantu bakhe;wosuka abathi mpaka ngesandla sakhe!Ke zona iintaba zonyikima,izidumbu zibe yinkunkuma ezitalatweni.Naxa kunjalo nje usavutha ngumsindo;ewe, akajiki, uyalekuza.
26. UNdikhoyo uza kuxhokonxa isizwe esikude;uza kuntyontyela esiseziphelweni zehlabathi.Nâso ke sisiza sigxalathelana!
27. Amajoni aso akakhubeki, engadinwa;wona akozeli, akalali nokulala.Ezawo iibhanti azikhululeki,nemitya yeembadada zawo ayiqhawuki.
28. Iintolo zawo azibukhali, ziingcangula;ewe, ziinto ezihlala zityedile.Iimpuphu zamahashe – nyengane yakwabani!Ke wona amavili eenqwelo sisitshu.
29. Ziinto ezivungama okwengonyama;ewe, umgqumo wazo ngathi yingonyama entsha.Zigragrama zilithi xhwii ixhoba lazo,zilithi xhakamfu kungabikho unokulamla.
30. Ngaloo mini ke zibhavumla phezu kwalo,zitsho ngomgqumo ngathi lulwandle.Wothi wakukrwaqula ke kulo mhlabaufike uyinkxwaleko nembonde-mbonde,ukukhanya kuginywe bubumnyama bamafu.