1. Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba ukumkani uHezekiya ubekhe wagula wabuya wachacha. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho.
2. Zifikile ke, uHezekiya wavuya, wazamkela, waza wazibonisa konke okwakukoovimba bakhe: isiliva, igolide, ubulawu, neziqholo, ngokunjalo nazo zonke izikrweqe zomkhosi. Wazingenisa kubo bonke oovimba bakhe, akwabikho nto zingayibonanga apho ebhotwe nakubukumkani bakhe buphela.
3. *Umshumayeli uIsaya ke waya kukumkani uHezekiya, wafika wabuza wathi: “La madoda ebevela phi, efuna ntoni khona?”UHezekiya uphendule wathi: “Aphuma kwelikude, eBhabheli, esiza kum.”
4. “Ngaba kukho nto ayibonileyo ke apha komkhulu?” ubuzile umshumayeli.UHezekile uphendule ngelithi: “Akukho nto angayibonanga. Ndiwangenise kubo bonke oovimba bam.”
5. Waza ke uIsaya wathi kuHezekiya: “Nali ke ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke:
6. ‘Ngenene kuza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje, liya kuthinjwa, lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala.