13. Amazulu ndiya kuwangcangcazelisa,umhlaba utsho unyikime endaweni yawongomhla wengqumbo kaNdikhoyo uSomandla-onke,ngemin' enzima yomsindo ovuthayo.
14. Baya kufana nenxala elizingelwayoneegusha ezibhadula ziding' ozalusayo.Elowo uya kubhenela kumawabo,umntu ngamnye asabele kwelakowabo.
15. Lowo ufunyenweyo uya kuhlatyaniselwa;bonke ababanjiweyo baya kubulawa.
16. Iintsana zabo ziya kuntlekezwa,abazali bebukele ngawabo amehlo.Imizi yabo iya kuphangwa,nakubafazi ke kube yiloo nto.
17. Ndiza kubaxhokonxela amaMedi;wona akakhathalele nasiliva,engenaxesha layo negolide.
18. Okwakungabafana aya kubageqa ngeentolo;wona akanalusini nasezintsaneni;ewe, akavakalelwa nasebantwaneni.
19. IBhabheli yinzwakazi phakathi kwezikumkani,iligugu neqhayiya lamaKaledi,kodwa yobhukuqwa ifane neSodom neGomoramhla wazihlasela uThixo.
20. Yona soze iphinde imiwe mntu.Yoba zizizukulwana ingahlalwa mntu,kungekho nam-Arabhu womisa ntente kuyo;nabelusi soze babe salusela khona.