Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 8:2-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Uthe ke ngesifingo wabuya wafika etempileni; baye bonke abantu besiza kuye; wahlala phantsi, wabafundisa.

3. Ababhali nabaFarisi bazisa ke kuye umfazi obanjwe ekrexeza; baza, bemmise phakathi,

4. bathi kuye, Mfundisi, lo mfazi wabanjwa ekrexeza, kanye kuloo ntlondi.

5. Ke kaloku, emthethweni uMoses wasimisela ukuthi, abanjalo mabagityiselwe ngamatye; ùthini na ke wena?

6. Babesitsho ke bemhenda, ukuze babe nokummangalela; kodwa uYesu, ethobe phantsi, wabhala ngomnwe emhlabeni.

7. Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye.

8. Wabuya wathoba phantsi, wabhala emhlabeni.

9. Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi.

10. Ephakamile ke uYesu, àkabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na?

11. Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.

12. Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.

13. Bathe ngoko abaFarisi kuye, Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene.

14. Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.

15. Nina nigweba ngokwenyama; mna andigwebi namnye.

16. Nokuba ndithi ndigwebe mna, umgwebo wam uyinene; ngokuba andindedwa, ndim noBawo owandithumayo.

17. Nasemthethweni wenu ke kubhaliwe kwathiwa, Ubungqina babantu ababini buyinene.

18. Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.

19. Bathi ngoko kuye, Uphi na uYihlo? Waphendula uYesu, wathi, Anindazi mna; animazi noBawo. Ukuba benindazi mna, ninge nimazi noBawo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 8