Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 8:12-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.

13. Bathe ngoko abaFarisi kuye, Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene.

14. Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.

15. Nina nigweba ngokwenyama; mna andigwebi namnye.

16. Nokuba ndithi ndigwebe mna, umgwebo wam uyinene; ngokuba andindedwa, ndim noBawo owandithumayo.

17. Nasemthethweni wenu ke kubhaliwe kwathiwa, Ubungqina babantu ababini buyinene.

18. Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.

19. Bathi ngoko kuye, Uphi na uYihlo? Waphendula uYesu, wathi, Anindazi mna; animazi noBawo. Ukuba benindazi mna, ninge nimazi noBawo.

20. Loo mazwi wawathetha uYesu ngasemkhumbini wokulondoloza imali, efundisa etempileni; akwabakho namnye umbambayo; ngokuba belingekafiki ilixa lakhe.

21. Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 8