Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 21:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Bakukubona oko abafundi, bamangaliswa, besithi, Ùtheni na ukoma msinya kangakanana umkhiwane?

21. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke.

22. Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.

23. Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto ùzenza ngagunya lini na? Kananjalo ngubani na okunike eli gunya?

24. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto:

25. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na? Bacamanga ke bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

26. Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, soyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti.

27. Bamphendula uYesu bathi, Asazi.Wathi naye kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

28. Nithini na ke nina? Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam.

29. Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya.

30. Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya.

31. Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Ngowokuqala.Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 21