Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 22:29-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Makube lé kuthi ngenxa yakhe ukuba sigwilike kuYehova, sibuye namhla ekumlandeleni uYehova, silakhele isibingelelo idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nombingelelo, esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu, esiphambi komnquba wakhe.

30. Amazwi aba wathetháyo oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, noonyana bakaManase, waweva uPinehasi umbingeleli, nezikhulu zebandla, neentloko zamawaka akwaSirayeli ezazinaye, alunga emehlweni abo.

31. Wathi ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakoonyana bakaManase, Namhla siyazi ukuba uYehova uphakathi kwethu, ngokuba ningabenzanga obo bumenemene kuYehova. Ngale nto nibahlángule oonyana bakaSirayeli esandleni sikaYehova.

32. Wabuya ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, nezikhulu ezo, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, ezweni laseGiliyadi; beza ezweni lakwaKanan, koonyana bakaSirayeli, bebabuyisela ilizwi.

33. Ilizwi elo lalunga emehlweni oonyana bakaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli bambonga uThixo, ababa sathetha ngokunyuka baye kubo ngobumpi, balitshabalalise ilizwe abahleli kulo oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi.

34. Oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi basibiza isibingelelo ngokuthi, Lingqina phakathi kwethu ukuba uYehova unguye uThixo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 22