Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 19:40-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Lavela iqashiso lesixhenxe nesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo.

41. Umda welifa labo waba yiTsora, ne-Eshtawoli, neIre-shemeshe,

42. neShahalabhin, neAyalon, neItela,

43. ne-Elon, neTimnata, ne-Ekron,

44. ne-Eleteke, neGibheton, neBhahalata,

45. neYehudi, neBhene-bheraki, neGati-rimon,

46. neMeyarkon, neRakon, kunye nomda omalunga neYafo.

47. Umda woonyana bakaDan wema ngayo. Benyuka ke oonyana bakaDan, baya kulwa neLeshem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bayihlutha, bema kuyo, bathi ukuyibiza iLeshem kukwaDan, ngegama likaDan uyise.

48. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo, loo mizi inemizana yayo.

49. Bagqiba ke ukulaba ilizwe ngokwemida yabo. Oonyana bakaSirayeli bamnika uYoshuwa, unyana kaNun, ilifa phakathi kwabo.

50. Ngokomlomo kaYehova bamnika umzi awawubizayo, iTimnati-sera, ekweleentaba lakwaEfrayim. Wawakha loo mzi, wahlala kuwo.

51. Ngawo lawo amafa abawabáyo ooElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise ezizweni zoonyana bakaSirayeli, ngamaqashiso eShilo, phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana. Bagqiba ke ukulaba ilizwe.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 19