Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 19:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Lavela iqashiso lesibini noSimon, nesizwe soonyana bakaSimon, ngokwemizalwane yabo. Ilifa labo laba phakathi kwelifa loonyana bakaYuda.

2. Elifeni labo baba neBher-sheba, neShebha, neMulada,

3. neHatsere-shuwali, neBhala, neAtsem,

4. ne-Eletoladi, neBhetuli, neHorma,

5. neTsikelage, neBhetemarkabhoti, neHatsar-susa,

6. neBhetelebhawoti, neSharuhen: imizi elishumi elinamithathu inemizana yayo;

7. iAyin, neRimon, ne-Etere, neAshan; imizi eminé inemizana yayo,

8. nemizana yonke ejikeleze loo mizi, kwesa eBhahalatibhere (yiRama yelasezantsi ke leyo). Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo.

9. Laba sesabelweni soonyana bakaYuda ilifa loonyana bakaSimon; ngokuba isabelo soonyana bakaYuda sabagqitha. Oonyana bakaSimon babelwa ilifa phakathi kwelifa labo.

10. Lavela iqashiso lesithathu noonyana bakaZebhulon, ngokwemizalwane yabo.

11. Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham;

12. wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 19