kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Intetho yokuqala yoSomandla

1. Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,

2. Ngubani na lo usitha iceboNgokuthetha okungenakwazi?

3. Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho,Ndikubuze, undazise.

4. Ùbuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi?Xela, ukuba ùyazi, ùyaqonda.

5. Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi?Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?

6. Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo?Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,

7. Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa,Beduma bonke oonyana bakaThixo?

8. Ngubani na owaluvingceláyo ulwandle ngeengcangoEkutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;

9. Ekulwambathiseni kwam ngamafu,Ekulusongeleni ngesithokothoko;

10. Ndakùlusikelela umda wam,Ndakùmisa imivalo neengcango;

11. Ndathi, Fika apha, ungegqithi;Eme apha amaza akho akratshayo?

12. Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,Wasazisa isifingo indawo yaso;

13. Ukuba sibambe amasondo ehlabathi,Bavuthulùlwe kulo abangendawo?

14. Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina,Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;

15. Abangendawo bavínjwe ukukhanya kwabo,Nengalo ephakamileyo yaphulwe.

16. Ùye wafika na emithonjeni yolwandle?Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?

17. Ùwatyhilelwe na amasango okufa?Namasango ethunzi lokufa wawabona?

18. Ùbugqalile na ububanzi behlabathi?Xela, ukuba ùyakwazi oko konke.

19. Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya,Nobumnyama iphi na indawo yabo,

20. Ukuba ubùse emdeni wabo,Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?

21. Ùyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe okoLilikhulu nenani lemihla yakho!

22. Ùfikelele na ebuncwaneni bekhephu?Ubuncwane besichotho wabubona,

23. Endabuqwebela ixesha lembandezelo,Imini yokudibana nemfazwe?

24. Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya?Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?

25. Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;

26. Ukuba ine ezweni elingenamntu,Entlango, apho kungekho mntu;

27. Ihluthise intshabalala yakwantshabalala,Intshulise uhlaza oluphumayo?

28. Inoyise na imvula?Ngubani na ozala amathontsi ombethe?

29. Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na?Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?

30. Amanzi ayaqina njengelitye,Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.

31. Ùnokuwabopha na amaqhina esiLimela,Uzicombulule izintya zamaKroza?

32. Ùnokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo,Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere* nabantwana bayo?

33. Ùyayazi na imimiselo yezulu?Umise ulawulo lwalo ehlabathini?

34. Ùnokuliphakamisela emafini na izwi lakho,Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?

35. Ùnokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?

36. Ngubani na omise ubulumko ezintsweni?Ngubani na onike imboniseli ingqondo?

37. Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko?Ngubani na othulula iintsuba zezulu.

38. Emelelweni wothuli, lube lutyhido,Amagada anamathelane?

39. Ingonyamakazi ùnokuyizingelela inyamakazi na,Uzalise iphango leengonyama ezintsha,

40. Xa zincathamayo ezikhundleni zazo,Zihlale ezindadeni, zilalele?