kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,

2. Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam,USomandla, owenzé krakra umphefumlo wam

3. (Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke,Nomoya kaThixo usemathatheni am),

4. Umlomo wam awuthethi bugqwetha,Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.

5. Makube lee kum ukuthi, niyalungisa;Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.

6. Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka;Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam.

7. Malube njengongendawo utshaba lwam,Nósukela phezulu kum abe njengogqwethayo.

8. Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla,Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?

9. Wókuva na uThixo ukuhlahlamba kwayo,Xa ifikelwe yimbandezelo?

10. Khona inokuziyolisa na ngoSomandla?Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?

11. Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo;OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.

12. Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile;Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?

13. Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo,Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelàyo kuSomandla.

14. Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele;Nabaphume embilinini wakhe àbahluthi kukutya.

15. Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa,Abahlolokazi bakhe bangalili.

16. Ukuba úthe wafumba isilivere njengothuli,Wazilungisela izambatho njengodaka:

17. Angázilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa,Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.

18. Uyakha indlu yakhe njengenundu,Njengephempe elenziwe yimboniseli.

19. Ulala phantsi esisityebi, akaphindi;Uvula amehlo akhe, angabikho.

20. Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa,Simbé ebusuku isaqhwithi.

21. Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke,Lumqweqwedise endaweni yakhe.

22. UThixo umgibisela angamcongi;Usibaleka asibaleke isandla sakhe.

23. Bamtyhwakrazela izandla,Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.