kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam,Ixhume endaweni yayo.

2. Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe,Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.

3. Úkusingisa ngaphantsi kwezulu lonke,Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.

4. Emva kwawo kubhonga ilizwi;Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe;Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.

5. UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo,Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.

6. Kuba úthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni;Nakwisiphango semvula,Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.

7. Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele,Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.

8. Amarhamncwa angena emlaleleni,Ahlale ezikhundleni zawo.

9. Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi;Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.

10. Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce,Ububanzi bamanzi bucutheke.

11. Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi;Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.

12. Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye,Ukuze enze konke awawamisela khonaEbusweni behlabathi elimiweyo;

13. Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe,Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.

14. Oko kubekele indlebe, Yobhi;Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.

15. Ùyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe,Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?

16. Ùyazi na ukulinganiselwa kwamafu,Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?

17. Wena ungubo zifudumeleyo,Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;

18. Ùsikhánda usolule naye na isibhakabhaka,Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?

19. Sázise esingákuthethayo thina kuye;Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.

20. Wóbikelwa na ukuthi ndiyathetha?Umntu uthi makaginywe na?

21. Ke ngoku àkubonwa kukhanyaKukhazimlayo, kusesibhakabhakeni;Kudlula umoya, lise.

22. Entla kuziwa negolide;Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.

23. USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla;Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.

24. Ngako oko bayamoyika abantu;Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.