Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 6:17-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ndamisa phezu kwenu ababoniseli, ndisithi, Libazeleni indlebe ilizwi lesigodlo; báthi ke bona, Asiyi kulibazela ndlebe.

18. Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo.

19. Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.

20. Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo* evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum.

21. Ngako oko utshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndibabekela izikhubekiso aba bantu, bakhubèke kuzo ooyise noonyana, ummelwane kunye nowabo, batshabalale.

22. Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla, uhlanga olukhulu, luxhoxhwa, luvele esinqeni somhlaba.

23. Baqubulé isaphetha nenkcula; bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo ligquma njengolwandle; bakhwela emahasheni, bexhobe njengendoda yokulwa, ukukufikela wena, ntombi enguZiyon.

24. Siluvile udaba lwaloo nto; ziwile izandla zethu; imbandezelo isibambile, ukuzibhijabhija njengozalayo.

25. Musani ukuya emasimini, ningahambi ngendlela; ngokuba utshaba lunekrele, kunxunguphala ngeenxa zonke.

26. Ntombi yabantu bam, bhinqa ezirhwexayo, uzigalele ngothuthu; menzele isijwili ozelwe wamnye, ukumbambazela okukrakra; ngokuba úya kusizela ngesiquphe umbhuqi.

27. Ndikwenzé umcikidi phakathi kwabantu bam njengenqaba, ukuze uyazi uyicikide indlela yabo.

28. Bonke bephela baziinjubaqa zazo iinjubaqa, behamba behleba; balubhedu nesinyithi, bonke bephela bayonakalisa.

29. Itshé ngumlilo imfutho, isekupheleni ilothe; bafumana benyibilikisa banyibilikise; abenzi bobubi abahlengeki.

30. Bayisilivere ecekisiweyo, ukubizwa kwabo, ngokuba uYehova ebacekisile.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 6