Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo* evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum.