Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 5:13-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.

14. Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.

15. Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo.

16. Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha.

17. Luya kukudla ukuvuna kwakho nesonka sakho; luya kubadla oonyana bakho neentombi zakho; luya kuyidla impahla yakho emfutshane neenkomo zakho; luya kuwudla umdiliya wakho nomkhiwane wakho; luya kuyiviva ngekrele imizi yakho enqatyisiweyo, okholose ngayo.

18. Noko ke ngaloo mihla, utsho uYehova, andiyi kunigqibela kuphele.

19. Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? ùze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.

20. Kuxeleni oku endlwini kaYakobi, nikuvakalise kwaYuda, nithi,

21. Khanive oku, bantu bazizidenge, bangenantliziyo; banamehlo, bengaboni; baneendlebe, bengeva.

22. Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungàwugqithiyo? Ayalatyuza amáza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 5