Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? ùze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.