Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.