Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 26:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathetha uYeremiya kubathetheli bonke nakubantu bonke, esithi, UYehova undithume ukuba ndiprofete ngale ndlu nangalo mzi onke amazwi eniwavileyo.

13. Kaloku ke, lungisani iindlela zenu neentlondi zenu, niliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wenu; wozohlwaya uYehova ngenxa yobubi abuthethileyo ngani.

14. Ke mna, yabonani, ndisesandleni senu; yenzani kum njengoko kulungileyo, kuthe tye, emehlweni enu.

15. Kodwa ke yazini nazi oku: ukuba nithe nandibulala, inene, nobeka igazi elimsulwa phezu kwenu, naphezu kwalo mzi, naphezu kwabemi bawo; ngokuba, inyaniso, uYehova undithumele kuni, ukuba ndiwathethe la mazwi onke ezindlebeni zenu.

16. Bathi ke abathetheli nabantu bonke kubabingeleli nakubaprofeti, Le ndoda ayifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba ithethe kuthi egameni likaYehova uThixo wethu.

17. Kwesuka kwema amadoda kumadoda amakhulu elo zwe, athetha kulo lonke ibandla labantu, athi,

18. UMika waseMoreshete waprofeta ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, wathetha kubantu bonke bakwaYuda, esithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, IZiyon iya kulinywa ibe yintsimi, neYerusalem ibe yimiwewe, nentaba yendlu le ibe yimimango enehlathi.

19. Bambulala na ke uHezekiya ukumkani wakwaYuda namaYuda onke? Àkoyikanga uYehova na, wambongoza uYehova, waza uYehova wazohlwaya ngenxa yobubi abebuthethile ngabo? Thina ke, sènze na ububi obukhulu kwimiphefumlo yethu?

20. Kwaye kananjalo kuprofeta egameni likaYehova indoda engu-Uriya unyana kaShemaya, waseKiriyati-yeharim; waprofeta ngalo mzi nangeli lizwe, ngokwamazwi onke kaYeremiya.

21. Waweva ke ukumkani uYehoyakim, namagorha akhe onke, nabathetheli bonke, amazwi akhe; ukumkani wafuna ukumbulala. Weva u-Uriya, woyika, wasaba waya eYiputa.

22. Ukumkani uYehoyakim wathumela amadoda eYiputa, uElinatan unyana ka-Akebhore, enamadoda athile, baya eYiputa.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 26