Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 20:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, uPashure unyana kaImere, umbingeleli, lowo ke ubengumveleli oyingànga endlwini kaYehova, weva uYeremiya eprofeta la mazwi.

2. UPashure wambetha uYeremiya umprofeti, wamfaka esitokisini* esisesangweni lasentla lakwaBhenjamin, elisendlwini kaYehova.

3. Kwathi ngengomso, uPashure wamkhupha uYeremiya esitokisini.Wathi uYeremiya kuye, UYehova àkathi linguPashure igama lakho; úthi linguNxunguphala-ngeenxa-zonke.

4. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza ukuba uzinxunguphalise wena ngokwakho, nabo bonke abakuthandayo; bawe likrele leentshaba zabo, abone amehlo akho, ndiwanikèle onke amaYuda esandleni sokumkani waseBhabhedi, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele.

5. Ndoyinikela yonke ingqwebo yalo mzi, nongeniselo lwawo lonke, neento zawo zonke ezinqabileyo; nobuncwane bonke bookumkani bakwaYuda ndibunìkele ezandleni zeentshaba zabo, zibuphange, zibuthabathe, zibuse eBhabheli.

6. Wena Pashure, nabo bonke abahleli endlwini yakho, niya kuthinjwa; uyé eBhabheli, ufele khona, ungcwatyelwe khona, wena nabakuthandayo bonke, abaprofetele ubuxoki.

7. Yehova, ùndirhwebeshile, ndarhwebesheka; undibambile, wandeyisa, ndaba yintlekisa yonke imini; bonke bephela bayandigculela.

8. Ngokuba ndithi, ndakuthetha, ndikhale, ndidanduluke, ndithi, Lugonyamelo nobhuqo; ngokuba ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini.

9. Ndithi ndakuthi, Andisayi kumkhankanya, andisayi kuthetha engameni lakhe: kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako.

10. Ngokuba ndivile intlebendwane yabaninzi, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke. Xelani, simxele. Bonke abafo ababexolelene nam balinde ukuqhwalela kwam; bathi, Mhlawumbi angárhwebesheka, simeyise, simphindezele.

11. Ke uYehova unam, njengegorha elingcangcazelisayo; ngenxa yoko baya kukhubeka abandisukelayo, abayi koyisa; baya kudana kakhulu, ngokuba bengenzanga ngengqiqo; ihlazo labo lingunaphakade, alinakulityalwa.

12. Wena ke, Yehova wemikhosi, ulicikidayo ilungisa, uzibonayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndikutyhílele ubambano lwam.

13. Vumani kuYehova, mdumiseni uYehova, ngokuba ewuhlangule umphefumlo wehlwempu esandleni sabenzi bobubi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 20