Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 18:15-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ukanti abantu bam bandilibele; baqhumisela kwizinto ezikhohlakeleyo, zabakhubekisa ezindleleni zabo, emendweni engunaphakade, ukuze bahambe ngeengqushu, ngendlela engalungeleliswanga;

16. ukuze balenze ilizwe labo ummangaliso nomsondlo ongunaphakade; bonke abagqitha kulo baya kumangaliswa, bahlunguzele iintloko.

17. Njengomoya wasempumalanga, ndiya kubaphangalalisa phambi kotshaba; ndibanikele umhlana, ndingabanikeli ubuso, ngomhla wokusindeka kwabo.

18. Báthi ke, Yizani siyile iqhinga ngoYeremiya; ngokuba awuyi kuphela umyalelo kumbingeleli, necebo kwisilumko, nelizwi kumprofeti. Yizani simbethe ngolwimi, singawabazeli ndlebe amazwi akhe onke.

19. Ndíbazele indlebe, wena Yehova; líve izwi lababambene nam.

20. Kuya kuvuzwa ngobubi na esikhundleni sokulungileyo, ukuba bawumbele isihogo nje umphefumlo wam? Khumbula ukuma kwam phambi kwakho, ukuba ndithèthe okulungileyo ngabo, ukuba ndibuyise ubushushu bakho kubo.

21. Ngako oko bànikele oonyana babo endlaleni, ubalahlele emandleni ekrele, abafazi babo bangabi nabantwana, babe ngabahlolokazi, amadoda abo abulawe kukufa, amadodana abo abulawe likrele emfazweni.

22. Makuvakale ukukhala ezindlwini zabo, xa abuzisela amatutu ngesiquphe; ngokuba bambé isihogo sokundibambisa, iinyawo zam bazifihlela izibatha.

23. Ke wena, Yehova, uyawazi onke amaqhinga abo okundibulala. Musa ukubuxolela ubugwenxa babo ngocamagusho, ungasicimi isono sabo ebusweni bakho; ukuze bakhubeke phambi kwakho. Ngexesha lomsindo wakho, yenza kubo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 18