Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 16:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Musa ukungena endlwini yesijwili, ungayi kumbambazela, ungabakhuzi; ngokuba ndilususile kwaba bantu uxolo lwam, inceba nemfesane yam; utsho uYehova.

6. Kuya kufa abakhulu kwanabancinane kweli lizwe, bangàngcwatywa, kungàmbanjazelwa ngenxa yabo, kungàcentwa, kungàchetywa ntloko ngenxa yabo;

7. bangàqhekezelwa sonka esijwilini sabo, ukuba bathuthuzelwe ngenxa yofileyo; bangàsezwa ngendebe yentuthuzelo ngenxa yooyise nangenxa yoonina.

8. Uze ungangeni endlwini yesidlo, ukuba uhlale nabo, udle, usele.

9. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuliphezisa kule ndawo, phambi kwamehlo enu nangemihla yenu, izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi.

10. Ke kaloku kothi, xa uthe wabaxelela aba bantu la mazwi onke, baza bathi kuwe, Kungenxa yani na ukuba uYehova abuthethe ngathi bonke obu bubi bukhulu kangaka, buyini na ubugwenxa bethu, siyini na isono sethu, esoné ngaso kuYehova uThixo wethu?

11. wothi kubo, Kungenxa yokuba ooyihlo bendishiyile, utsho uYehova; balandela thixo bambi, babakhonza, baqubuda kubo; mna bandishiya, umyalelo wam àbawugcina;

12. nasuka ke nina nenza okubi ngaphezu kooyihlo; nanko, nilandela elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi, ningandiphulaphuli.

13. Ndiya kunijulela ngaphandle kweli lizwe, niye ezweni eningalazanga, nina nooyihlo, nikhonzele khona apho thixo bambi imini nobusuku; ngokuba ndingayi kuba natarhu kuni.

14. Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, ekungayi kuba sathiwa, Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa; ekuya kuthiwa,

15. Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni lasentla, nasemazweni onke ebebagxothele kuwo; ndobabuyisela kowabo umhlaba endawunika ooyise.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 16